|

Ukuqeqeshelwa ulimo lwezithole kuyayiphucula imveliso yokutya kwiindawo ezikumaphandle (iilali, njl.) nokuzixhasa  kwabantu basekuhlaleni

IAfriForum neSaai kule veki ziye zabambisana noNkosi Zweloxolo Stokwe kunye nelinge lemvelisokutya i-Adopt-A-Village Rural Food Security Initiative; injongo ibikukusebenza kunye ukuxhobisa abantu baseMtingwevu, kufutshane naseCala eMpuma Koloni, ngolwazi lokulima izithole ukuze babe nokuzilimela iigadi zabo zemifuno. Bebemalunga nama55 abantu balaa ndawo abathe beza kolo qeqesho, bephuma kwimizi engama50. Uqeqesho belusenziwa nguStark Ayres. Iitreyi zezithole ebezisetyenziswa kolo qeqesho bezingumnikelo ovela kwiHygrotech. UNkosi Zweloxolo Stokwe yinkokeli yemveli yesizwana samaQwathi.

Olu qeqesho lwenzeke emva kokuba ilinge lokutya, i-Adopt-A-Village Rural Food Security Initiative, liye lathethana neAfriForum malunga nokuba nentsebenziswano kunye. ILinge eli laliqale lasebenza kunye nabantu basekuhlaleni baseMtingwevu, ngo2022. Oko kusebenza kunye kwaqala ngesigaba sokuqala esaba kukuphiwa kolu luntu luyile mizi ingama50 yaseMtingwevu, engamalungu eLinge Lolimo iLakheka Mtingwevu (iLakheka Mtingwevu Agricultural Initiative) ezi zinto: izithole zemifuno, nezemithi yeziqhamo, nembewu yombona, nembewu yeetapile, netanki lamanzi eliyiJojo lokukhongozela amanzi emvula, kunye nezixhobo zokusebenza iigadi. Esi yaba sisigaba sokuqala seprojekthi yabo yophuhliso. Iinjongozenzo eziphambili zeli linge nazi: kukuvuselela ulimo lwemifuno ngamakhaya ezenzela, ukunciphisa uxhomekeko kwiigranti zikarhulumente, ukuzikhulisa ukuze bazimele kwiinkalo zonke zobomi nokuziqhelisa ukutya ngokusempilweni, nokuziqhelisa ukuqeqesheka, nokuzimisela, nokuba nengqondo yokusebenza kakhulu nakakuhle.  Iziphumo elifuna ukufikelela kuzo eli linge kukho kuzo nezi: uveliso lokutya nophuhliso lwabantu beendawo eziziilali neefama, nophuhliso lwezakhono, nokuncitshiswa kwendlala, nempilo yoluntu, ngokwenza abantu baqonde malunga nezondlo nokondleka kwaneendlela zokulima ezizezendalo.

“Ndinelunda kakhulu ngabantu baseMtingwevu ababonisa inkathalo yokuzenzela, besebenza ngenkuthalo ukuziphuculela iimeko zokuphila kwabo. Ndinombulelo onzulu yile nto yokuba i-Adopt-A-Village Rural Food Security Initiative, neAfriForum, kunye neSaai ziye zajoyina ukuze sikwazi ukuxhobisa abantu bethu basekuhlaleni ngolwazi nezakhono ukuze babe nako ukuzimela ngakumbi,” utsho uNkosi Zweloxolo Stokwe.

Nkosazana Stokwe (isiXhosa)
Nkosazana Stokwe (English)

“Thina malungu eLinge Lokulima laseLakheka Mtingwevu sanelisekile koku sele sele sikwazile ukukwenza, ukususela ngo2022. Siye sakhula somelela, sakwazi ukuzivelisela izinto zethu, saba nomonde, saqhuba ngokungatshintshatshintshiyo. Siyabulela ngenkxaso yabo bonke abaye bathatha inxaxheba. Olu qeqesho silufumeneyo luza kusenza sikwazi ukuhambela phambili ngokukhawuleza kakhulu. Luvula amathuba luwavulela abantu abasebenza ngokukhutheleyo basekuhlaleni, lunika ithemba lokuba umntu angade afumane ingeniso ngokuthengisa izithole ethengisela abanye kwalapha ekuhlaleni nakwamanye amaqela oluntu angabamelwane.  Kuyasigcobisa ukwazi ukuba nathi sinegalelo esilenzayo ukuqinisekisa ukuba ukutya okunezondlomzimba kuyafumaneka – ngakumbi kubantu abakhulelweyo nakubantwana.” Utsho uNokhayalethu Daliwe, usihlalo weLinge Lokutya iLakheka Mtingwevu Agricultural Initiative.

uNokhayalethu Daliwe (isiXhosa)

IMpuma Koloni inawo amathuba amahle ezolimo anokusetyenziswa ukuze kuphuculwe uveliso lokutya, kuphuhliswe nabalimi abanako ukukhuliseka babe ngamafama ezorhwebo ngokupheleleyo. Yiyo loo nto kubalulekileyo ukuba iSaai ibe ikhona kweli linge – ukuze ixhase amafama angamakhaya, ize ngolo hlobo ibe negalelo kuveliso nokuphathwa kokutya, nasekwenzeni amathuba okukhulisa indyebo kubantu abazimeleyo, abangengorhulumente.” Utsho uGqirh Theo de Jager, usihlalo ophezulu weSaai.

Theo de Jager (English)

“Amaqela oluntu lweenkcubeko zawo akweli lizwe lakowethu lihle anako ukufunda abanye kwabanye – enyanisweni siyafuneka omnye kwabanye, ukuze sixhasane, sakhe ikamva eliqaqambileyo eliya kuxhamlwa nguye wonke ubani kweli lizwe. IAfriforum iziva inenyhweba xa inako ukwakha ubudlelwane obuhle nentsebenziswano entle phakathi kwama-Afrikaner kunye nabanye abantu abaneenkcubeko zabo, isiseko ikukuthathelana ingqalelo nokuhloniphana. Intsebenziswano yethu igxininisa ekomelezeni ukuzimela kwamaqela oluntu lweenkcubeko zawo, nokubuyisela ukuhoyeka kwbantu bonke ngokweenkcubeko zabo, kuba zombini ezi zinto zifuneka ngokubalulekileyo ukuze abantu kwiindawo zabo zasekuhlaleni baphuhliseke  ngokupheleleyo. Sinombulelo kumalungu ethu nakubaxhasi, aba: uStark Ayres neHygrotech, ngokuyenza ibe nokwenzeka le nto yokuba sidale umahluko onolwakheko kweyona ndawo ibaluleke gqitha – le ibubomi babantu abanguwonkewonke.” Utsho uNantes Kelder, uMdibanis WeeProjekthi Wesizwe, KwezoBudlelwane neNtsebenziswano Phakathi Kweenkcubeko, kwiAfriForum.

Nantes Kelder (English)

Similar Posts

#OnsSalSelf